Videos » Sekunjalo

Sekunjalo

August 8, 2009

Kule ncwadi ihlwabisayo yedrama esihloko sithi “Sekunjalo” uMadoda Gcwadi usithatha asifake kuhambo apho amasiko nezithethe zethu athi afike angquzulane nesimo somntu. Ukunyhasha ilungelo lokuzikhethela livusa umnyele. Ukunganyamezelani kudala ungquzulwano kwaMqwathi.

Impixano idalwa yinto yokuba oonyana bakaMqwathi abalandeli ekhondweni lakhe. UZanelanga unyana oli (Rasta) akafuni kuya suthwini. UZweledinga yena u (Gay) usolwa ngokuzisa ishwangusha eMaqwathi.

Isazela neentloni ziyagquba kumzi ka Mqwathi. Izizalwane nabahlali banomsindo betyhola uMqwathi ngokumatha, eyekela abantwana ukuba bamlawule. Ingasonjululwa njani le ngxubakaxaka? Ingaba uMqwathi uza kunyanzelisa oonyana bakhe ukuba bafuze yena, okanye ingaba oonyana baya kulwela amalungelo abo?

Madoda Gcwadi ungumbhali, umfundisi, nesithethi esaziwayo kumazwe ngamazwe. Isakhono abalasele ngaso kukufundisa umdlalo weqonga. Sele ziliqela iincwadi azibhalileyo zase qongeni ezathi zaqhutywa kwiGrahamstown National Arts Festival. Usathe gqolo ukwakha isizwe ngokuthi azibandakanye nemibutho ejolise ukwenza inguqu ekuhlaleni. Ngonyaka ka 2008 uthe wayila umbutho wababhali obizwa ngokuba ngu Mzatsi Writers ojolise ekufundiseni ababhali bolwimi lwesiXhosa ngesakhona sokubhala. Unenkolelo yokuba amabali oluntu kufanelekile ukuba abhalwe ukuze isizwe sakowethu sibenamathala lolwazi.

Yintw' engekhoyo Leyo »

Leave a comment

* Name:
* Email: (won't be displayed)
Website:
* Comment:
Fuzzy Travel · Next »
Create blog · Login